


t





uselula?) ongekatshati, uthi kufuneka akwazi ukuziphatha ukuze angangeneki kumanenekazi amaninzi anethemba )omtshato!
Kuyancomeka noko, eli soka lomtsalane lifezekise iindima zobuzali ngaphezu kwamadoda amaninzi etshatileyo aziintanga zayo. Ebudeni beminyaka uNoel ubengutata nomlindi wabafundi abaninzi abasweleyo, ubakhu(isile ukuze babe ngamalungu oluntu anemveliso ngokuqinisekisa ukuba ayafunda, ewanika nendawo yokuhlala. Ngoku, abafundi abahlanu abanethamsanqa nabanoxabiso bahlala naye kwipomakazi tomzi wakhe osePinetown.
Ndiziva ndanelisekile xa ndibona umntu endimncedileyo ethweswa isidanga aze aphumelele ebomini.
Ngokwenza lo mnikelo mncinane eminyakeni ndenze okuninzi kunokuba abantu abatshatileyo bekwenzela abantwana babo, utsho lo mfo onelizwi elithambileyo nekufuneka akhokele impumelelo yesikhululo sosasazo ukuze sanelise abaphulaphuli baso abazizigidi ezihlanu.
URobert Ntuli onama-20 eminyaka uthweswe isidanga seB. Admin kwiYunivesiti yaseZululand ngenxa yobubele bukaNoel, uErnest CeIe onama-20 eminyaka nongomdala kusapho olunabantwana abalithoba nolusweleyo, naye ukwangomnye oncedwe nguNoel. Kutshanje uphumelele kuqeqesho lobutitshala Esikhaweni College of Education.
Bobabini aba bathweswe izidanga nabaselula balubona ulwalamano lwabo noNoel lutana nolomzali nomntwana.
Okwenza uNoel ayixabise kangaka imfundo kukuba ebeyititshala iminyaka eli-17 phambi kokuba aqeshwe kukhozi
FM ngoMeyi ka-1 996. Wathi akuphumelela iMatriki eDlangezwa High School Empangeni, wafumana idiploma yokufundisa, idiploma kwilibrary Science kanti uneB.A. Hons (Philosophy) ayifumene kwiYunivesithi yaseZululand. Ngoku ufunda isidanga seM. PhiI (Business Ethics) kwiyunivesithi yaseStel(enbosch.
Kwiminyaka yakhe eli-17 eyititshala, iminyaka eli-1O ubefundisa (1986-1996) eDlangezwa High School eyinqununu. Ukushiya kwam ubutitshala kwelo xesha linzima kwaba yinguqu eyenzeka ngexesha elinye. Akukho nto endandiyibaleka. Ngenxa yokhozi FM ndisenalo ithuba lokufak isandla ekuncedeni uluntu kuba ngoku ndisebenza nabaphulaphuli baninzi, utshilo uNoel.


.4Abaphathi:
Ukusuka
ekhohlo ukuya ekunene:
uprince ZuIu (Umphathi
wezoNqulo
neNkcubeko), uMasonto
Buthelezi
(uMphathi wezoMculo neMidlalo, uNoel Yeni (uMphathi Wesikhululo)
noLindelani Ngema (Umphathi Wezentengiso)
balugcine luphumelela Ukhozl FM.
Ongekhoyo:
nguDudu Khoza (Umphathi weeNkqubo zeNgxoxo)


Le nginginya yabaphulaphuli ngokucacileyo izise ucelomngeni olutsha kobefudula eyinqununu yesikolo. Umlo kumaza omoya ubonwa bubuninzi babantu abakhuphisana nawo, ukuze isikhululo sosasazo siphumelele kufuneka sibe nengeniso. Njengomphathi wesikhululo sosasazo kukho imfuneko yokufumana ezona zinto zixabisekileyo, wenze nezigqibo ezisebenzayo ukuze ufumane imali eyimfuneko.
Kuba sinabaphulaphuti abaninzi kukhozi FM, sisethamsanqeni lokufumana iinkampani ezininzi eziza kuthi zifuna ukubhengeza emoyeni, akusithi esizizingelayo, utshito uNoel.
Kuba abaphulaphuli ingabona babalulekileyo kwesi sikhu(ulo sosasazo, bazama kangangoko ukwanelisa iminqweno. UNoel ude abe namathuba okuvakala kumaza omoya encokola nabaphulaphuli bakhe.
Mna andithembele ekunikeni
imiyalelo ndiseofisini, ugxininise oko umphathi wokhozi FM. Phezu kweembopheleleko zam zaseofisini, ndibona kubalulekile ukuba ndiqhagamshelane nabaphulaphuli bam.
Akungemangalisi ke ngoko ukuba enye inkqubo eyabangela esi sikhululo sosasazo safumana igama elithi Ukhozi FM kwaba yethi Luthini Ukhozi, le yinkqubo enika abaphulaphuli ithuba lokuba babhale bevakalisa izikhalazo namacebiso abo atshiwo emoyeni. Phezu kwalo nje ixesha layo elitenxileyo elisuka kweye-7:OO ukuya kwe-7:30 ngeentsasa zangecawa, intsabelo kule nkqubo iye yanika ithemba kangangokuba ukwandiswa kweli xesha kusaphicothwa.
Ezinye iinguqu kube kukungeniswa kweenkqubo ezahlukeneyo
ekushukuxwa imiba eyahlukeneyo kuzo. Eminye imisebenzi ebalulekileyo
kuNoel kuKhozi FM kukusebenzisana nabasebenzi kwesi sikhululo. Ebothulela umnqwazi uNoel uthe udla ngokuthethana nabo xa kufuneka enze izigqibo ezibalulekileyo. Mna andizimele geqe. lmpumelelo yesi sikhululo ngokuqinisekileyo ayenziwa ndim ndindedwa.
Ediza ukuba asebenza nabo bayamxhasa, bekwamkela kwaye bekuxabisa ukusebenza naye njengomphathi, uNoel uthe indlela awenza ngayo umsebenzi wakhe inokuba yaphenjelelwa ngowayeyinqununu yesikolo owayefunda kuso, uGqr. Sibusiso Bhengu.
Wayefuna into zenziwe engakhange akuntlokothise. Wayecenga kodwa engqongqo nokubangqongo, utshilo uNoel ngonguMphathiswa weMfundo ngoku.
Xa ekude nobomi obusisizungu kwisikhutulo sosasazo sakhe, uNoel okhe wakhenketha kakhulu nokuthandayo ukuqhuba imigama emide, uthancta ukonwaba ngeengoma zecountry music okanye iingoma zakudala njengeze-Dlamini Home Defenders nezeTuning Fox.
Ukuhlala kwakhe elisoka kwanokukhulela ekhaya engasenabazali kumqinisile uNoel ukuba aneliseke akwazi nokukwenza imisebenzi yasekhaya equka ukupheka.
UNoe1 ongowesihlanu kubantwana abasibhozo - wabona unina exhobisa ngamnye kumakhwenkwe akhe ngemisebenzi yena azifundise ukuyenza kakuhle nangakumbi.
Akubuzwa ngacinga ukukwenza ebomini kwiminyaka emihlanu ezayo, ukhe wanqumama ecingisisa:
Ndithanda ukuzuza amava amaninzi kuKhozi FM phambi kokuba ndenze eminye imisebenzi ngaphandle kwato ndiwenzayo ngoku. Ndiyakuthanda










EZAMVA:
Xa besisiya kushicilela eIi nqaku, uGovin Reddy
weSABC ubhengeze ukuba uMnu. Yeni utshintshelwe kwelinye isebe IakwaSABC.







ukusebenza kwiSABC KwaZulu-Natal. lnkoliso yeminye imisebenzi ngaphandle kwaio ndiwenzayo iseGauteng. Ngokwendlela endibona ngayo ndiseza kuhlala eKZN.
Njengomwesile ozinikeleyo, uNoel unenkolo yokuba ukuthanda ututsha kumnika isiphiwo esihle sokusebenza nolutsha.
Ukuba ngumntu obhetyebhetye kokunye okunokuthethwa ngoNoel. Ndakumbuza ukuba xa kungathiwa makakhethe anganqweneta ntoni, ngobulumko uthe: Ndinqwenela ukuba ndiye ndisomelela ngokomelela yonk imihla, nokuba ndingatshintshi kwiinkolelo zam.
Ukunyuka amanqwanqwa kukaNoel kube ngenxa kaMnu. Joel Yeni ongasekhoyo nonguyise owayengumqhubi weelori zikamasipala.
lnto yokuqala andifundisa yona
Ephumle nabafundi abancedileyo ezifundweni zabo, uErnest CeIe (ekhohlo), noRobert NtuIi (ekunene), uNoel Yeni (phakathi) akakubali ukuphakama kwakhe kodwa unobubele njengembonakaliso yokuba ungumKrestu. U-Ernest usandul ukuphumelela uqeqesho lobutitshala kanti uRobett unesidanga seB. Admin.



kukuba ndingaze ndikumele ukungaphumeloli, yonko into mandiyenze kakuhle kangangoko ndinako. Obu bulumko buye bandikhanyisela ubomi bam bonke. Namhlanje, ngathi izinto ndizenzela yena.
Ukuba ulelinye lamanenekazi
,	anqwenela ukutshata noMr Eligible, lo mfo ukhangeleka engeyongxaki. Uthanda amanenekazi aneembono ezifana nezakhe, uwathanda gqitha lawo athembekileyo nangaguqu-guqukiyo.
Njengomphathi wenkampani enkulu ethembisa ukwanda, uNoel unokubonwa ngathi usasaza ekwiNtaba iEverest. Kodwa umphathi wokhozi FM ozolileyo osalifumanayo ithuba lokuya kowabo kwilali zaseMpangeni ngezinye iimpelaveki nomnqweno wakhe mkhulu ebomini kukuzimisela ukunceda abafundi kwizifundo zabo, ungumzekelo omhle kwabafuna ukunqandwa ziinkwenkwezi ukuba bangakulibali okuhle abakushiya ezantsi phaya.



























 

		BONA XHOSA - Aprit 1997 37

